Ukufa!!!
Kufa !!
Kuthi manditsho esimantshiyane isikhalo,
Izitalato zibomvu egazini labo odade barhaxwa,
Izolo besonwabile namhlanje sinxunguphele ngenxa yokufa,
Intombi yakwaZulu izolele ukufa,
Kufa nawe usazofa ,
Mhla wagula inxiziyo izobe idada emafutheni kuba sizophumla isizwe sakothu,
Ndikubambe kuqhoqhoqho ndikutsarhise lowo mphefumlo onuka isirhogo sokutsha,
Ndizokuthengela ibhokisi kanokutsho,
Owakho ungcwabo uzofana nowosaziwayo abadumileyo kuba udumile nto ndini,
Ndizokwembela phantsi komhlaba ndigangathe ngokungena lusini,
Andifuni nokuba ukuphila kufa ukunuke ngevumba,
Ohhh ukuba ubungambona xa encumile eveze elokugqibela izinyo ubunokumxolela,
Ndibolekeni intonga zibembini,ngenye ndizogqebha ukufa ngenye ndizovika,
Ndibolekeni iqhiya zibembini ngenye ndizophethela ngenye ndizobopha uvalo,
Atshil'amadam'amanzi,
Inkomo zethu zizoselaphi na?
Umlisela nomthinjana woselaphi na?
Ukufa kuqonkqoloze abantu kwaqwela namanzi,
Makube chosi!!!
About this poem
Lo mbongo ungokufa nendlela ekuthi kufike kayo,nendlela okusishiya siziva ngayo.
Font size:
Written on September 17, 2022
Submitted by liqhawemayeza on September 17, 2022
Modified on March 05, 2023
- 39 sec read
- 2 Views
Quick analysis:
Scheme | AXBB BXC CDDX AXAEDDE |
---|---|
Characters | 954 |
Words | 131 |
Stanzas | 4 |
Stanza Lengths | 4, 3, 4, 7 |
Translation
Find a translation for this poem in other languages:
Select another language:
- - Select -
- 简体中文 (Chinese - Simplified)
- 繁體中文 (Chinese - Traditional)
- Español (Spanish)
- Esperanto (Esperanto)
- 日本語 (Japanese)
- Português (Portuguese)
- Deutsch (German)
- العربية (Arabic)
- Français (French)
- Русский (Russian)
- ಕನ್ನಡ (Kannada)
- 한국어 (Korean)
- עברית (Hebrew)
- Gaeilge (Irish)
- Українська (Ukrainian)
- اردو (Urdu)
- Magyar (Hungarian)
- मानक हिन्दी (Hindi)
- Indonesia (Indonesian)
- Italiano (Italian)
- தமிழ் (Tamil)
- Türkçe (Turkish)
- తెలుగు (Telugu)
- ภาษาไทย (Thai)
- Tiếng Việt (Vietnamese)
- Čeština (Czech)
- Polski (Polish)
- Bahasa Indonesia (Indonesian)
- Românește (Romanian)
- Nederlands (Dutch)
- Ελληνικά (Greek)
- Latinum (Latin)
- Svenska (Swedish)
- Dansk (Danish)
- Suomi (Finnish)
- فارسی (Persian)
- ייִדיש (Yiddish)
- հայերեն (Armenian)
- Norsk (Norwegian)
- English (English)
Citation
Use the citation below to add this poem to your bibliography:
Style:MLAChicagoAPA
"Ukufa!!!" Poetry.com. STANDS4 LLC, 2024. Web. 20 Sep. 2024. <https://www.poetry.com/poem/140412/ukufa!!!>.
Discuss the poem Ukufa!!! with the community...
Report Comment
We're doing our best to make sure our content is useful, accurate and safe.
If by any chance you spot an inappropriate comment while navigating through our website please use this form to let us know, and we'll take care of it shortly.
Attachment
You need to be logged in to favorite.
Log In